2 Usamuweli 22:17-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wolula isandla, ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.

18. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.

19. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,Waba sisixhaso kum uYehova.

20. Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula ngokuba endinonelele.

21. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.

22. Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova,Andemka ngokungendawo kuThixo wam.

23. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam;Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.

24. Ndandingogqibeleleyo kuye,Ndazinqanda ebugwenxeni bam.

25. Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,Ngokobunyulu bam, phambi kwamehlo akhe.

26. Kowenceba ùzenza owenceba,Kwigorha eligqibeleleyo ùzenza ogqibeleleyo.

2 Usamuweli 22