2 Usamuweli 22:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wabonakala esemaphikweni omoya.

12. Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba,Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.

13. Ekuqaqambeni okuphambi kwakheKwavutha amalahle omlilo.

14. Wadudumisa emazulwini uYehova,Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.

2 Usamuweli 22