2 Usamuweli 21:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ukumkani wababiza ke abaseGibheyon, wathi kubo (ke kaloku abaseGibheyon babengengabonyana bakaSirayeli, babengamaqongqolo ama-Amori; oonyana bakaSirayeli babewaqinisise ngesifungo; uSawule wafuna ukuwabulala ngokuzondelela kwakhe amaSirayeli namaYuda):

3. wathi ke uDavide kwabaseGibheyon, Ndínenzele ntoni na? Ndícamagushe ngantoni na, ukuze nilisikelele ilifa likaYehova?

4. Bathi abaseGibheyon kuye, Àkunathi ukubiza isilivere negolide kuSawule nakwindlu yakhe; àkunathi ukubulala umntu kwaSirayeli. Wathi kubo, Nithi ke, mandinenzele ntoni na?

5. Bathi kukumkani, Indoda eyasigqibayo, eyagqiba kwelokuba sitshatyalaliswe, singemi emdeni wonke wakwaSirayeli,

6. makunikelwe kuthi isixhenxe samadoda koonyana bayo, siwabethelele eminqamlezweni kuYehova eGibheha kaSawule, umnyulwa kaYehova. Wathi ukumkani, Ndowanikela mna.

7. Ke ukumkani wamsindisa uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, ngenxa yesifungo sikaYehova esibe siphakathi kwabo, phakathi koDavide noYonatan unyana kaSawule.

2 Usamuweli 21