2 Usamuweli 17:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Sènze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena.

7. Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku.

8. Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere* ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini.

9. Yabona, kungokunje uzimele emgongxweni, nokuba kukwenye indawo. Kothi ke, xa athe wabawela ekuqaleni, eve ovayo, athi, Kukho uxabelo ebantwini abamlandelayo uAbhisalom;

10. athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti.

11. Ndithi elam icebo, makahlanganiswe, ahlanganiselwe kuwe, onke amaSirayeli, athabathele kwaDan ese eBher-sheba, abe njengentlabathi engaselwandle ubuninzi, uye emfazweni ngesiqu.

12. Sòfika ke kuye endaweni, apho afumaneke khona, sithi qatha phezu kwakhe, njengokulala kombethe emhlabeni, kungasali namnye kuye nakumadoda onke anaye.

2 Usamuweli 17