3. ndibulale ukumkani yedwa; ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu.
4. Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli.
5. Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye.
6. Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Sènze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena.
7. Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku.