1. Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Makhe ndinyule ishumi lamawaka elinamawaka amabini amadoda, ndisuke, ndimsukele uDavide ngobu busuku;
2. ndimfikele ediniwe, ewé izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo;
3. ndibulale ukumkani yedwa; ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu.