2 Usamuweli 11:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wahamba ke umthunywa, waya, wamxelela uDavide konke uYowabhi abemthume khona.

23. Wathi umthunywa kuDavide, Athi àkuseyisa thina amadoda, aphuma eza kuthi phandle; saba phezu kwawo ke, sada sesa ekungeneni kwesango;

24. batola abatoli kubakhonzi bakho beseludongeni, kwafa inxenye kubakhonzi bokumkani; umkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.

25. Wathi uDavide kumthunywa lowo, Wòtsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kuló nakulowa. Kómeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe; uze umomeleze ke.

26. Weva umkaUriya ukuba ufile u-Uriya indoda yakhe, wayimbambazelela indoda yakhe.

27. Lakudlula ixesha lezila lakhe, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana. Ke loo nto wayenzáyo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.

2 Usamuweli 11