15. Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angásisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.
16. Kwathi, ekuwungqingeni kukaYowabhi umzi lowo, wambeka u-Uriya kwindawo abesazi ukuba akuyo amadoda angamakroti.
17. Aphuma amadoda aloo mzi, alwa noYowabhi; kwawa abantu kubakhonzi bakaDavide; wafa noUriya umHeti.
18. Wathumela uYowabhi kuDavide, wamxelela zonke iindaba zemfazwe.
19. Wamwisela umthetho umthunywa, esithi, Xa ugqibileyo ukuzenza zonke iindaba zemfazwe kukumkani,
20. wòthi, ukuba buthe benyuka ubushushu bokumkani, wathi kuwe, Ibiyini na ukuba nisondele kangaka kuloo mzi ngokulwa? beningazi na ukuba botola beseludongeni?
21. wabethwa ngubani na uAbhimeleki unyana kaYerubheshete? akagityiselwanga na yinkazana ngelitye lokusila eludongeni, wafela eTebhetse? ibiyini na ukuba nisondele kangaka eludongeni? uthi wena, Nomkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
22. Wahamba ke umthunywa, waya, wamxelela uDavide konke uYowabhi abemthume khona.
23. Wathi umthunywa kuDavide, Athi àkuseyisa thina amadoda, aphuma eza kuthi phandle; saba phezu kwawo ke, sada sesa ekungeneni kwesango;
24. batola abatoli kubakhonzi bakho beseludongeni, kwafa inxenye kubakhonzi bokumkani; umkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye.
25. Wathi uDavide kumthunywa lowo, Wòtsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kuló nakulowa. Kómeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe; uze umomeleze ke.
26. Weva umkaUriya ukuba ufile u-Uriya indoda yakhe, wayimbambazelela indoda yakhe.
27. Lakudlula ixesha lezila lakhe, wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe, wamzalela unyana. Ke loo nto wayenzáyo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.