ukuze amphendule umphathi-mkhosi lowo umfo wakwaThixo, esithi, Yabona, khona ukuba uYehova wenzé iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Ukuze athi ke yena, Khangela, ùya kuyibona ngamehlo akho, ungadli kuyo.