3. Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo;
4. nangenxa yegazi elingenatyala awaliphalazayo; wayizalisa iYerusalem ngegazi elingenatyala; akavumanga uYehova ukuxolela.
5. Ezinye izinto zikaYehoyakim, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
6. Walala uYehoyakim kooyise; uYehoyakin, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
7. Akabanga saphinda ukumkani waseYiputa aphume ezweni lakhe; ngokuba ukumkani waseBhabheli wayezithimbile zonke izinto ezizezokumkani waseYiputa, eqalele emlanjeni waseYiputa, wada wesa emlanjeni ongumEfrati.
8. UYehoyakin ubeminyaka ilishumi elinesibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zantathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguNehushta, intombi kaElinatan waseYerusalem.
9. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njegako konke awakwenzayo uyise.