2 Kwabasekorinte 7:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Samkeleni ngeentliziyo zenu; asonanga mntu, asonakalisang amntu, asiphanganga mntu.

3. Anditsho ngakunigweba; kuba sendithe ngaphambili, nisezintliziyweni zethu ukuba sife nani, sidle ubomi nani.

4. Ndinokungafihlisi okukhulu kuni, ndizingca kakhulu ngani; ndizele yintuthuzelo, ndiphuphuma uvuyo kakhulu kuyo yonke imbandezelo yethu.

5. Kuba sithé sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke, ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ikukoyika.

2 Kwabasekorinte 7