2 Kwabasekorinte 5:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kuba, nokuba siyageza, kungenxa kaThixo; nokuba sinengqondo ephilileyo, kungenxa yenu.

14. Kuba lusifingile nje uthando lukaKristu, sigqibe kwelokuthi, ukuba ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo;

15. wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.

16. Ngoko ke thina, sisusela kweli xesha, asisazi namanye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama.

17. Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe.

2 Kwabasekorinte 5