2 Kwabasekorinte 10:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. sízilungiséle ukuphindezela konke ukungamlulameli, xa kuthe kwazaliseka okwenu ukumlulamela.

7. Izinto nizikhangela ngokwembonakalo na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu nathi.

8. Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo;

9. nditsho ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi;

10. ngokuba kuthiwa, Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akùbakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto.

2 Kwabasekorinte 10