2 Kutimoti 4:6-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi.

7. Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.

8. Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.

9. Khawuleza uze kum kamsinya;

10. kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati.

11. NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba únokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela.

12. Ke uTikiko ndamthumela e-Efese.

13. Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezìntsu.

14. UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe.

15. Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu.

16. Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko.

17. Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza, ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.

18. Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

19. Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo.

20. UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa.

2 Kutimoti 4