11. NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba únokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela.
12. Ke uTikiko ndamthumela e-Efese.
13. Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezìntsu.
14. UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe.
15. Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu.
16. Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko.
17. Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza, ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama.
18. Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.