2 Kutimoti 4:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe:

2. livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, Ășnako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.

3. Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;

4. babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.

2 Kutimoti 4