2 Kutimoti 2:23-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe.

24. Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa,

25. enyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, babuye baqabuke,

26. baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye.

2 Kutimoti 2