2 Kutimoti 1:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.

8. Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; owasisindisayo,

9. wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade;

10. lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;

11. endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga;

12. endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba Ășnako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.

13. Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu.

2 Kutimoti 1