2 Kayohane 1:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, àbanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana.

10. Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa;

11. kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.

12. Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke.

13. Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen.

2 Kayohane 1