2 Kapetros 3:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoku ndinibhalela, zintanda, le ncwadi iyeyesibini, endithi kuzo zombini ndiyivuselele ingqondo yenu engcwengekileyo ngokunikhumbuza;

2. ukuba nĂ­wakhumbule amazwi abethethiwe ngenxa engaphambili ngabaprofeti abangcwele, nawo umthetho wabapostile* bethu beNkosi uMsindisi;

3. nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi,

4. Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.

5. Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo;

2 Kapetros 3