2 Kapetros 2:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kuba, xa uThixo angaziconganga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka wathi, ezikhahlele enzonzobileni, wazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko, zigcinelwe umgwebo;

5. naxa angaliconganga ihlabathi lakudala, wesuka walondoloza uNowa, umvakalisi wobulungisa, enabasixhenxe, akuba elihlisele unogumbe ihlabathi labangahloneli Thixo;

6. xa athe nemizi yaseSodom neGomora wayitshisa yaluthuthu, wayigweba ukuba ibhukuqeke, wayenza umzekelo wabaza kuba ngabangahloneli Thixo;

7. wamhlangula uLote olilungisa, owacatshukiswa kukuhamba eburheletyweni kwabangenammiselo;

8. kuba laye, ngokubona nangokuva, ilungisa elo lihleli phakathi kwabo imihla ngemihla, liwuthuthumbisa umphefumlo walo olungisayo, ngemisebenzi yabo echasene nomthetho:

9. iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe;

10. ngokukodwa ke abo balandela inyama ngokukhanuka ukuzidyobha, abadela ubukhosi.Ngabasileyo, abenza ngokuzithandela, abangoyikiyo ukunyelisa izikhakhamela.

2 Kapetros 2