2 Kapetros 1:13-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikuló mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza;

14. ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwaló mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo.

15. Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto.

2 Kapetros 1