15. Àbatyeka emthethweni wokumkani kubabingeleli nakubaLevi ngemicimbi yonke nangobuncwane.
16. Walungiswa ke wonke umsebenzi kaSolomon, kwada kwayiloo mini yasekwa ngayo indlu kaYehova, kwasa nasekugqityweni kwayo; yafezwa indlu kaYehova.
17. Waza uSolomon waya e-Etsiyon-gebhere, nase-Eloti, elunxwemeni lolwandle ezweni lakwaEdom.
18. UHiram wathumela kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa, nabakhonzi ababelwazi ulwandle; baya kunye nabakhonzi bakaSolomon eOfire, bathabatha khona amakhulu amané anamanci mahlanu eetalente* zegolide, bayizisa kukumkani uSolomon.