2 Izikronike 35:25-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. UYeremiya wamenzela isimbonono uYosiya; zathetha zonke iimvumi neemvumikazi ezimbononweni zazo ngoYosiya, unanamhla. Bazenza ummiselo kwaSirayeli; nanzo zibhaliwe ezimbononweni.

26. Ezinye izinto zikaYosiya, nokwenza kwakhe inceba, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova,

27. nezinto zakhe ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.

2 Izikronike 35