2. Wabamisa ababingeleli phezu kwezigxina zabo, wabomelezela enkonzweni yabo yendlu kaYehova.
3. Wathi kubaLevi ababeqondisa onke amaSirayeli, ababengcwele kuYehova, Yibekeni ityeya engcwele endlwini, awayakhayo uSolomon unyana kaDavide; ukumkani wakwaSirayeli; aniyi kuyithwala emagxeni. Mkhonzeni kaloku uYehova uThixo wenu, nabantu bakhe amaSirayeli.
4. Zilungiseni ngokwezindlu zooyihlo, ngokwamaqela enu, ngokwesibhalo sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, nangokwesibhalo sikaSolomon unyana wakhe;
5. nithi engcweleni nimele izahlulo zezindlu zooyise zabazalwana benu, oonyana babantu, iqela eli labaLevi limèle indlu enye yooyise.
6. Nize niyixhele ipasika, nizingcwalise, niyilungisele abazalwana benu, kwenziwe ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaMoses.
7. UYosiya wabarhumela oonyana babantu, bonke abafunyanwayo khona, impahla emfutshane, iimvana, namatakane eebhokhwe, onke láwo angawepasika, engamawaka amashumi mathathu inani; namawaka amathathu eenkomo. Konke oko kwaphuma kwimfuyo yokumkani.