20. Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.
21. UYehova wathuma isithunywa sezulu, sawenza athi shwaka onke amagorha anobukroti, neengànga, nabathetheli, emkhosini wokumkani waseAsiriya. Wabuya, ubuso bakhe buthe khunubembe, waya ezweni lakhe. Wangena endlwini yothixo wakhe; bathi ababephume ezibilinini zakhe bamwisa khona ngekrele.
22. UYehova wamsindisa ke uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya, nasesandleni sabangabambi; wabakhusela ngeenxa zonke.
23. Baba baninzi abazisa umnikelo kuYehova eYerusalem, nezinto ezinqabileyo kuHezekiya ukumkani wakwaYuda. Waphakanyiswa emehlweni eentlanga zonke emveni koko.
24. Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.
25. Ke uHezekiya akabuyekezanga njengokuphathwa kwakhe; ngokuba intliziyo yakhe yaphakama. Bafikelwa buburhalarhume, yena namaYuda neYerusalem.