Bangena baya kuHezekiya ukumkani, bathi, Siyihlambulùle indlu yonke kaYehova, nesibingelelo sedini elinyukayo, neempahla zaso zonke, netafile yezonka ezicwangciswayo, neempahla zayo zonke.