1. UAmatsiya ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.
2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa kungengantliziyo ipheleleyo.
3. Kwathi, bakuqiniselwa ubukumkani kuye, wababulala abakhonzi bakhe, ababebulele ukumkani uyise.