2 Izikronike 25:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UAmatsiya ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.

2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa kungengantliziyo ipheleleyo.

3. Kwathi, bakuqiniselwa ubukumkani kuye, wababulala abakhonzi bakhe, ababebulele ukumkani uyise.

2 Izikronike 25