Kwathi ekupheleni komnyaka, yenyuka yeza kuye impi yama-Aram;* eza kwaYuda naseYerusalem, ábatshabalalisa bonke abathetheli babantu ebantwini; onke amaxhoba awo awathumela kukumkani waseDamasko.