2 Izikronike 20:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emveni koko, oonyana bakaMowabhi noonyana baka-Amon, benamaMahun, beza kulwa noYehoshafati.

2. Beza bamxelela uYehoshafati, bathi, Kuza kuwe ingxokolo eninzi, evela phesheya kolwandle kwa-Aram; nantso eHatsetson-tamare, eyiEngedi.

3. Woyika uYehoshafati, wazinikela ngokwakhe ekumquqeleni uYehova, wathi makuzilwe ukudla ngamaYuda onke.

4. Ahlanganisana ke amaYuda, efuna uncedo kuYehova; nasemizini yonke yakwaYuda baphuma bequqela uYehova.

5. Wema uYehoshafati ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem, endlwini kaYehova, phambi kwentendelezo entsha, wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini?

2 Izikronike 20