2 Izikronike 17:16-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. nganeno kwakhe nguAmasiya unyana kaZikri, owazinikela kuYehova ngokuqhutywa yintliziyo, enamakhulu amabini amawaka amagorha anobukroti.

17. KumaBhenjamin nguEliyada, igorha elinobukroti, enamakhulu amabini amawaka axhobe izaphetha neengweletshetshe;

18. nganeno kwakhe nguYozabhadi, enekhulu elinamanci asibhozo amawaka axhobele imfazwe.

19. Ngabo abo babekhonza kukumkani; bebodwa abamisiweyo ngukumkani emizini enqatyisiweyo kwelakwaYuda lonke.

2 Izikronike 17