2 Izikronike 16:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku wòba neemfazwe.

10. UAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka endlwini yesitokisi;* ngokuba wayeyijalele ngale nto. UAsa wayicinezela inxenye yabantu ngelo xesha.

11. Yabona, izinto zika-Asa, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.

12. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba wobukumkani bakhe, uAsa wayesifa ziinyawo, sada senyuka isifo sakhe; kananjalo esifeni sakhe akamquqelanga uYehova, waquqela amagqirha.

13. UAsa walala kooyise; wafa ngomnyaka wamashumi omané anamnye wobukumkani bakhe.

2 Izikronike 16