8. AmaKushi namaLubhi abengeyeyona impi ininzi, enento eninzi kunene yeenqwelo zokulwa nabamahashe? Ukanti ngokuba wayama kuYehova, anikelwa esandleni sakho.
9. Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku wòba neemfazwe.
10. UAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka endlwini yesitokisi;* ngokuba wayeyijalele ngale nto. UAsa wayicinezela inxenye yabantu ngelo xesha.
11. Yabona, izinto zika-Asa, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
12. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba wobukumkani bakhe, uAsa wayesifa ziinyawo, sada senyuka isifo sakhe; kananjalo esifeni sakhe akamquqelanga uYehova, waquqela amagqirha.