2 Izikronike 16:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. UAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka endlwini yesitokisi;* ngokuba wayeyijalele ngale nto. UAsa wayicinezela inxenye yabantu ngelo xesha.

11. Yabona, izinto zika-Asa, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.

12. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba wobukumkani bakhe, uAsa wayesifa ziinyawo, sada senyuka isifo sakhe; kananjalo esifeni sakhe akamquqelanga uYehova, waquqela amagqirha.

13. UAsa walala kooyise; wafa ngomnyaka wamashumi omané anamnye wobukumkani bakhe.

14. Bamngcwabela engcwabeni lakhe, awazimbelayo emzini kaDavide, bamlalisa esililini esizele bubulawu, iintlobo ngeentlobo, ezenziwe ubuqholo ngobugcisa babaqholi; bamenzela ibaso elikhulu kunene.

2 Izikronike 16