2 Izikronike 12:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi bakubon' ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, ákomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.

2. Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova;

3. enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi.

4. Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.

5. Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki.

6. Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Úlilungisa uYehova.

2 Izikronike 12