2 Izikronike 12:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi bakubon' ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, ákomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.

2. Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova;

3. enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi.

4. Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.

2 Izikronike 12