2 Izikronike 11:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakumaSirayeli onke, kwaYuda nakwaBhenjamin, ukuthi,

4. Utsho uYehova ukuthi, Ize ningànyuki; ize ningàlwi nabazalwana benu. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphume kum le nto. Baliphulaphula izwi likaYehova, babuya ekuyeni kulwa noYarobheham.

5. Wahlala uRehabheham eYerusalem, wákhe imizi yokunqabisa kwaYuda.

6. Wákha iBhetelehem, ne-Etam, neTekowa,

7. neBhete-tsure, neSoko, neAdulam,

8. neGati, neMaresha, neZifi,

9. neAdorayim, neLakishe, neAseka,

10. neTsora, neAyalon, nowaseHebron, ekwaYuda nekwaBhenjamin, imizi enqatyisiweyo.

11. Waziqinisa iinqaba, wabeka iingànga zamadoda kuzo, noovimba bokudla neoli newayini.

12. Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali; wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.

13. Ababingeleli nabaLevi ababekwelakwaSirayeli lonke bathelela kuye, bevela emideni yabo yonke.

14. Ngokuba abaLevi bawashiya amadlelo abo, nemfuyo yabo, beza kwaYuda naseYerusalem; ngokuba uYarobheham noonyana bakhe babebakhuphile, ukuba bangabi ngababingeleli kuYehova;

15. wazimisela ababingeleli bezigánga, nabamaxhonti, nabamathole awawenzáyo.

16. Emva kwabo ke, ezizweni zonke zakwaSirayeli, bathi abazinikeláyo iintliziyo zabo ukumquqela uYehova uThixo kaSirayeli, beza kubingelela eYerusalem kuYehova, uThixo wooyise.

17. Babuzinzisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehabheham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; ngokuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.

2 Izikronike 11