2. Lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,
3. Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakumaSirayeli onke, kwaYuda nakwaBhenjamin, ukuthi,
4. Utsho uYehova ukuthi, Ize ningànyuki; ize ningàlwi nabazalwana benu. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphume kum le nto. Baliphulaphula izwi likaYehova, babuya ekuyeni kulwa noYarobheham.
5. Wahlala uRehabheham eYerusalem, wákhe imizi yokunqabisa kwaYuda.
6. Wákha iBhetelehem, ne-Etam, neTekowa,
7. neBhete-tsure, neSoko, neAdulam,
8. neGati, neMaresha, neZifi,
9. neAdorayim, neLakishe, neAseka,
10. neTsora, neAyalon, nowaseHebron, ekwaYuda nekwaBhenjamin, imizi enqatyisiweyo.
11. Waziqinisa iinqaba, wabeka iingànga zamadoda kuzo, noovimba bokudla neoli newayini.
12. Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali; wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.
13. Ababingeleli nabaLevi ababekwelakwaSirayeli lonke bathelela kuye, bevela emideni yabo yonke.