5. Isibingelelo sobhedu, abesenzile uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, sasilapho phambi komnquba kaYehova; bamquqela uYehova ooSolomon nebandla kwisibingelelo eso,
6. Wenyusa khona uSolomon esibingelelweni sobhedu phambi koYehova, esibe singasententeni yokuhlangana, wenyusa kuso amadini anyukayo aliwaka.
7. UThixo wabonakala ngobo busuku kuSolomon, wathi kuye, Cela into, ndikuphe.
8. Wathi uSolomon kuThixo, Wena wenzé kuDavide ubawo inceba enkulu, wandenza ukumkani esikhundleni sakhe.
9. Ke kaloku, Yehova Thixo, malinyaniseke ilizwi lakho owalenza kuDavide ubawo; ngokuba wena undenzé ukumkani wabantu abaninzi njengothuli lomhlaba.