1 Usamuweli 31:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Kwathi ngengomso amaFilisti eza kubhunyula ababebulewe. Amfumana uSawule noonyana bakhe bobathathu, bewile ezintabeni zeGilibhowa.

9. Amnqumla intloko, aziphanga iintonga zakhe, athumela elizweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba kushunyayelwe iindaba ezilungileyo ezindlwini zezithixo zawo nasebantwini.

10. Azibeka iintonga zakhe ezindlwini zooAshtaroti;* awubuthelela umzimba wakhe eludongeni lwaseBhete-shan.

11. Beva abemi baseYabheshe yaseGiliyadi akwenzileyo amaFilisti kuSawule;

12. esuka onke amadoda anobukroti, ahamba ubusuku bonke, awuthabatha umzimba kaSawule, nemizimba yoonyana bakhe, eludongeni lwaseBhete-shan; eza eYabheshe, ayitshisa khona.

13. Awathabatha amathambo abo, awangcwabela phantsi komtamariske* eYabheshe; azila ukudla iintsuku zasixhenxe.

1 Usamuweli 31