1 Usamuweli 31:11-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Beva abemi baseYabheshe yaseGiliyadi akwenzileyo amaFilisti kuSawule;

12. esuka onke amadoda anobukroti, ahamba ubusuku bonke, awuthabatha umzimba kaSawule, nemizimba yoonyana bakhe, eludongeni lwaseBhete-shan; eza eYabheshe, ayitshisa khona.

13. Awathabatha amathambo abo, awangcwabela phantsi komtamariske* eYabheshe; azila ukudla iintsuku zasixhenxe.

1 Usamuweli 31