1 Usamuweli 20:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wafunga phezu koko uDavide, wathi, Uyihlo uyazi kakuhle ukuba ùndibabale; ùthi, Makangakwazi oku uYonatan, hleze abe buhlungu. Inene, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ngathi sisithuba esinye sokunyathela esiphakathi kwam nokufa.

4. Wathi uYonatan kuDavide, Into oyithethayo umphefumlo wakho, ndiya kuyenza.

5. Wathi uDavide kuYonatan, Uyabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndifanele ukuhlala nokumkani, ndidle; ndíndulule, ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngosuku lwesithathu.

6. Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wòthi wena, Úcele kum wandibongoza uDavide, ukuba agidime aye eBhetelehem emzini wakowabo; ngokuba kukho umbingelelo weminyaka ngeminyaka apho, owenzelwa umzi wonke wakowabo.

7. Ukuba uyihlo uthe, Kulungile: koba kuluxolo kumkhonzi wakho. Ke ukuba uthe wavutha kakhulu ngumsindo, yazi ukuba úgqibe kwelobubi.

8. Ngoko ke uze umenzele inceba umkhonzi wakho; ngokuba umngenisé emnqophisweni kaYehova umkhozi wakho lo nawe. Ke ukuba buthe bakho kum ubugwenxa, ndibulale wena ngokwakho; yini na ukuba undise kuyihlo?

1 Usamuweli 20