24. Amadoda akwaSirayeli ayeminyekile kukudinwa ngaloo mini. USawule wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka kungekahlwi, ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam. Bonke abantu àbadla nento.
25. Lonke ilizwe leza ehlathini; kwaye kukho ubusi phezu komhlaba.
26. Bafika abantu ehlathini, nanko kuvuza ubusi. Akwabakho usa isandla emlonyeni wakhe; ngokuba abantu babesoyika isifungo.
27. Ke uYonatan ubengamvanga uyise, ukubafungisa kwakhe abantu, wesa incam yentonga ebisesandleni sakhe, wayifaka enqatheni lobusi, wasibuyisela emlonyeni wakhe isandla sakhe; aqabuka amehlo akhe.
28. Yaphendula indoda yasebantwini, yathi, Uyihlo ubafungisile wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka, namhlanje. Babethé ncithi abantu liphango.