1 Usamuweli 12:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi kubo, UYehova ulingqina ngani, nomthanjiswa wakhe ulingqina namhla, ukuba anifumananga nto sandleni sam. Bathi, Ăšlingqina.

6. Wathi uSamuweli ebantwini, NguYehova owenza ooMoses noAron; owenyusa ooyihlo ezweni laseYiputa.

7. Kaloku ke yimani, ndimangalelane nani phambi koYehova ngayo yonke imisebenzi yobulungisa kaYehova, ayenzileyo kuni nakooyihlo.

8. Xenikweni uYakobi waya eYiputa, bakhala ooyihlo kuYehova: uYehova wathuma ooMoses noAron, babakhupha ooyihlo eYiputa, bababeka kule ndawo.

9. Bamlibala uYehova uThixo wabo; wathengisa ngabo esandleni sikaSisera, umthetheli-mkhosi waseHatsore, nasesandleni samaFilisti, nakwesokumkani wakwaMowabhi, balwa nabo.

10. Bakhala kuYehova, bathi, Sonile, ngokuba samlahlayo uYehova, sakhonza ooBhahali* nooAshtaroti;* kaloku ke sihlangule esandleni seentshaba zethu, sikukhonze.

11. UYehova wathuma ooYerubhahali, noBhedan, noYifeta, noSamuweli, wanihlangula esandleni seentshaba zenu ngeenxa zonke, nahlala nonwabile.

12. Kwathi nakubona uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon, esiza kulwa nani, nathi kum, Hayi, masilawulwe ngukumkani, uYehova uThixo wenu engukumkani wenu.

1 Usamuweli 12