1. USamuweli wathabatha igutyana leoli, wamgalela entloko, wamanga, wathi, Inene, uYehova ukuthambisile ukuba ube yingànga yelifa lakhe.
2. Ekumkeni kwakho kum namhla, ùya kufumana amadoda amabini ngasengcwabeni likaRakeli, emdeni wakwaBhenjamin, eTseletsa; aya kuthi kuwe, Zifunyenwe iimazi zamaesile obuye kuzifuna. Yabona, úkuyekile uyihlo ukuthetha ngeemazi zamaesile ezo; únesithukuthezi ngani, esithi, Ndiya kuthini na ngonyana wam.
3. Ùgqithile apho, wòqhubela phambili, ufíke kumoki* weTabhore, uhlangane khona namadoda amathathu enyuka esiya kuThixo eBheteli, enye ithwele amatakane amathathu, enye ithwele iintenda zezonka ezithathu, enye ithwele intsuba yewayini.
4. Okubuza ukuphila kwakho, akunike izonka ezibini; uzithabathe ezandleni zawo.
5. Emveni koko ùya kufika eGibheha kaThixo, apho kukhoyo ikampu yamaFilisti; kuthi, xa ufikileyo emzini apho, uthane nqiphu negqiza labaprofeti, lisihla livela esigangeni, phambi kwalo ingumrhubhe, nengqongqo, nogwali, nohadi, beprofeta.
6. UMoya kaThixo wokufikela ngamandla, uprofete ndawonye nabo, uguquke ube mntu wumbi.