1 Ookumkani 8:30-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini; uve ke uxolele.

31. Xa athe umntu wóna ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:

32. yiva ke wena emazulwini, wenze, ugwebe kubakhonzi bakho; umgwebe ongendawo, uyibeke indlela yakhe phezu kwentloko yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.

1 Ookumkani 8