22. Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Ùya kumlukuhla, efeze; phuma uye, wenjenjalo.
23. Uyabona kaloku, uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wâbo baprofeti bakho bonke; uYehova uthethe okubi ngawe.
24. Wesuka uZedekiya unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe phi na kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe?
25. Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungèle amagumbi, uzimela.
26. Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabathe uMikaya, ubuye naye, umse kuAmon umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani; uthi,
27. Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.
28. Wathi uMikaya, Ukuba ubuye wabuya unoxolo, wóba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani, nonke zizwe ziphela.
29. Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.