1 Ookumkani 22:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. UZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ùya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe.

12. Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka, uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.

13. Ke umthunywa, obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; izwi lakho makhe libe njengelizwi labo, uthethe okuhle.

14. Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha kum uYehova, ndothetha khona.

15. Wafika kukumkani. Wathi ukumkani kuye, Mikaya, síye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, siyeke, kusini na? Wathi kuye, Nyuka, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.

16. Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungandixeleli into engeyiyo inyaniso egameni likaYehova?

17. Wathi yena, Ndiboné amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi. Wathi uYehova, Aba àbanankosi; mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.

18. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndibe ndingatshongo na, ukuthi kuwe, akayi kuprofeta okuhle ngam, woprofeta ububi bodwa?

1 Ookumkani 22