10. Waba neminyaka emashumi mané anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
11. UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise.
12. Wawakhwelelisa amang'awu, akabakho ezweni, wazisusa zonke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.
13. KwanoMahaka unina wamguzula, àkaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera* isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
14. Ke izigánga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe.
15. Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.