1 Ookumkani 15:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Waba neminyaka emashumi mané anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.

11. UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise.

12. Wawakhwelelisa amang'awu, akabakho ezweni, wazisusa zonke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.

13. KwanoMahaka unina wamguzula, àkaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera* isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.

14. Ke izigánga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe.

15. Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.

1 Ookumkani 15