4. Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.
5. USolomon walandela uAshtoreti,* uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki,* izothe lama-Amon.
6. Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise.
7. Waza uSolomon wamakhela isigánga uKemoshe,* izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon.
8. Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo.
9. UYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova uThixo kaSirayeli, owayebonakele kuye izihlandlo ezibini;
10. emwisele umthetho ngaloo nto, ukuba angalandeli thixo bambi; àkawugcina umthetho abemwisele wona uYehova.